









I-1997 HEALTH CARE WORKER 
IMBASA YOKUBHIYOZELA INKQUBELA YONOOMPILO ABABALASELEYO


Lifikile elo xesha kwakhona, apho wena mfundi uza kucelwa ukuba ukhethe abantu ababalaselayo kumsebenzi wononophelo lwezempilo eluntwini lakho. Uyakukhumbula ukuba owabalasela kunyaka ophelileyo uMasephoko Shadrack Molokoane, ongunompilo kuluntu lwaseMathabatha eNorthern Province. Nangona uShadrack engengonompilo uqeqeshiweyo, wazuza imbasa yeHealth Care Worker of the Year 1996 ngomsebeuzi wakhe wokuzinikela kwabaphethwe sisifo i-asbestosis.


Kumdlalo odumileyo weSOUL CITY omalunga nemeko ekhoyo ngokwenene yempilo eMzantsi Afrika, ababukeli baye bamqhela uSister Bettina noSister Lizzie, abangoonompilo ababini abanenkathalo kwiklinikhi iMasakhane. La manenekazi awanyangi kuphela izigulana ezizokucela uncedo kubo koko basombulula neengxaki zabantu kuba nabo banezifo eziphethe nabanye abantu. Uyakukhumbula ukuba uSister Lizzie ufumanise ukuba unentsholongwane yeHIV kwaye ngenxa yoko ubanika iingcebiso abantu ngend1ela yokumelana nesi sifo ngendlela ezahlukileyo.

Kwakhona, iSoul City iBP neBona babaxhasa ngokupheleleyo oonompilo baseMzaritsi Afrika kwaye bafuna wena uchonge abantu ocinga ukuba bayifanele le mbasa yokusebenzela impilo yoluntu. Awuzokube unika kuphela ophumeleleyo ithuba Iokuwuphucula umsebenzi wakhe ngebhaso lemali azakulifumana kodwa nawe uza kube uzinika ithuba lokuzizuzela i-1000 ngokukhetha Ioo mntu.
Obalaseleyo uzakuba ngumntu owenza umsebenzi eluntwini kwaye kufuneka enze oku:
Afumane isisombululo kwiingxaki zempilo
. Akhuthaze kwimiba ephathelele nezempilo;
  .  Achithe ixesha ephulaphula izinto eziphathelele kwezempilo athethe nangazo kwaye akhuthaze impilo entle eluntwini ngokubanzi;

. Acebise ngendlela abantu abanokuwasebenzisa ngempumelelo amaziko ezempilo akufutshane nabo;

. Abonisane noogqirha nabongikazi kummandla ahlala kuwo;

. Azinikele eku1usebeuzeleni uluntu kwaye abe nobud1elwane obuluqilima noluntu;

. Abe nomdla kuyo yonke imicimbi ephathelele nezempi1o nophuhliso;

. Ahloniphe bonke abantu naye abe ngumntu ohloniphekileyo;

. Athembeke, anyamezele kwaye aqonde.









OOMAGUMEDE BAMABHASO AMAWAZUZWE
Oyi-1997 Soul City/Bona & BP Health Worker uza kuzizuzela ibhaso eliyi-R10 000 (ishumi Iamawaka leerandi) KWAYE uluntu alusebenzelayo luyakufumana ibhaso lononophelo lokuqala oluxabisa i-R25 000, nalapho loo mali iyakusetyenziselwa unonophelo lokuqala azikhethela yona ophumeleleyo.
OKUNYE
Emnye kwabahlanu abafikelele kumanqam uyakuzizuzela iR2 000 size esinye isithandathu sabafikelele kumanqam ngamnye kuso afumane i-R1 000 ezakusetyenziselwa kwizifundo abakhethe ukuzenza.
Bonke abafikele1e kumanqam bayakukhweliswa inqwelo moya baye kwiiofisi ezinkulu zakwaBP eKapa bayokuzimasa umsitho wokunikezelwa kwembasa. Obalaseleyo nabafikelele kumanqam bayakuve1a kwimagazini iBona emva komsitho wokunikezelwa kwembasa.



BONA X1-IOSA - December 1996 43




OF THE YEAR AWARD


ICOMMUNITY DESK yinkqubo kamabonakude esasazwa ngeecawa ngentsimbi yokuqala, emiselwe ukwenza imidlalo ibe ngumzekelo kumaphulo oluntu kweli. Onke amaphulo oluntu - nokuba mancinci kangakanani - ayindyebo ekuphuculeru impilo yabahlali baseMzantsi Afrika, kwaye le nkqubo ijolise ekuyiqwalaseleni nasekuyiqaqambiseni. Kuba amaphulo aqaliswe luluntu ekhuthaza iCommunity Desk iza kubalaselisa amaphulo abaza kufikelele kamanqam eHealth Care Worker of the Year ngo-Apreli/Meyi 1997, qiniseka ukuba uyayibukela ubone ukuba omkhethileyo uya kutyunjwa na. ICommunity Desk ibalaselisa amaphulo oluntu kumaphondo ngamaphondo kwaye ukuza kuthi ga

namh1anje  sele engaphezu kwama450 asel'eselw'iso.

Ifomu Yokukhetha iSoul City, Bona, BP Health Care
Worker of the Year Award.
	Ndikhetha u....................................................................................................................	ukuba azuze iHealth Care Worker Award.
Idilesi ..........................................................................................................................................................                                                                             



Ifowuni ....................................................................................................................................... 
      Izizathu endimkhethele zona zezi: ...............................................................................................                                                          



Ncamathisela iphepha elinenkcukacha ngonompilo lowo ..............................................................                                        

Mna ndingu:  ...........................................................................................................................................                                                                       

Idilesi  yam:...........................................................................................................................                                                                          



lfowuni yam: ..........................................................................................................................                                                                        

IMITHETHO: Amangenelo mawaphelele ngomhla wama-28 kuFebruwari ka-1997. Ungabakhetha kangangoko ufuna. Abafikelele kumanqam bayakupapashwa kushicilelo lukaMeyi lweBona kwaye obalaseleyo uyakukhutshwa kushicilelo IukaJuni Amangenelo mawathunyelwe kwaSoul City, Bona, BP Health Care Worker of the Year Awad, P0 Box 3322 Parklands, 2121. Ukuba ngaba ukhethe ofikelele kumanqam uyakuzuza i-R1 000. Isigqibo sabagwebi asiyi kuphikiswa kwaye akuyi kwamkelwa mbalelwano emva koko.










44 BONA XHOSA- I)ecember 1996




Okubekusenzeka Ebholeni
Ngo-1996.
Umdlalo webhol' ekhatywayo eMzantsi-Afrika ubizele iziphithi-phithi kulo nyaka ka-1996. Unyaka uqale kakuhle - ezllokishini kusisankxwe samaxilongo
namayeyeye kuvuyelwa ukuphumelela kweBafana Bafana kwiAfrican Nations Cup
- kodwa uthe unyaka xa uphakathi, amanye amagosa ebhola acuntsule kwinto yabantwana, ngoxa amanye eshiyeke edanlle.

kubhale uWILLIE BOKALA kufote uLUCKY NXUMALO noMPHO MPHOTHO






I-Orlando
P!rates idIala ngo1996.
v









E
 KUQALENI konyaka wonk' umntu wazixelela ukuba izinto ziza kuhamba kakuhle ebholeni. Bekungekho nto ikhwinisayo - kuyimincili namayeyeye okuba imidlalo yeAfrican Nations Cup idlalelwe kweli kwaza kwaphumelela iBafana Bafana kuyo, kwaza kwaqaliswa nezicwangciso zokuseka ipremier Soccer League.
Ngoku sisekupheleni konyaka yaye izinto azihambi kakuhle kwaphela ebholeni. Eyona nto ifike yaguqula imeko kukusekwa kwepickard Commission of lnquiry efike yavumbulula amahlazo. Kukhangeleka ngathi urhwaphilizo luqalise emva kokuba amagosa apheth' ibhola ecinge ukuba kukhuselekile kuba kungekho mntu uwabonayo.
Oko kwenze unyaka ka-1996 wayingxubevange yolonwabo, udano, ukwakhiwa ngokutsha, ukutsala nzima
Iqela lesizwe lizuze iAftican Nations Cup neFour Nations Cup kulo nyaka.



nokulila. USolomon Sticks Morewa ucuntsule kwinto yabantwana xa ebencinwa ngemibuzo nguPickard...phofu ke bakho abantu abasebholeni abancumileyo njengokuba kuvunjululwa amanyundululu.
Sekumbovu singene ku-1 997, kwaye akukho mntu waziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni kuMorewa noogxa bakhe!
lmincili ebholeni yeli ibingojanuwari nangoFebruwari emva kokuba kudlalelwe imidlalo yeAfricari Nations Cup kweli, yaza yazuzwa yiBafana Bafana. UMorewa wayeyinxalenye yolo lonwabo.







Abanye babadlali beqela lellzwe IaseBrazil elibethe uMzantsi-Afrika ngamanqaku ama-3 kwama-2.









iqela IeOrlando Pirates elazuza iAfrica Club Championship neAfrica Super Cup.
UMark Williams, wafaka amanqaku amabini kwifayinali yeAfrlcan
Nations Cup.	V


























Niya kukhumbula ukuba iBafana Bafana iyizuze le ndebe emva kokuba ibethe amazwe omeleleyo eAfrika. Ngaphezu kwalo mpumelelelo, iBafana Bafana yadlala kakuhle gqitha neBrazil, eziintshatsheli zeWorid Cup, nangona yabethwa ngamanqaku ama-3 kwama-2.
lbhola iguqukile emva kokuqaliswa kwePremier Soccer League, imidlalo yayo eqala phakathi enyakeni njengakwamanye amazwe ize iphele ngoMeyi kunyaka olandelayo. lmidlalo yeligi edlalwayo ngoku
kulindeleke ukuba igqitywe ngasekupheleni kukaMeyi okanye ngoJuni ka-1997.
Ngaphandle kwempumelelo yeqela lelizwe, neOrlando Pirates iyifumene impumelelo. Eli qela laseOrlando libuyise imincili yangoFebruwari ngokuzuza iAfrica Super Cup
Championship ngoMatshi. Oko kwenze iPirates yazuza iindebe ezimbini kuba kunyaka ongaphambili ibizuze iAfrican Club Champions Cup.
Kodwa ke ipirates ibadanisile abalandeli xa itywatyushwa kabuhlungu ngamanqaku ama-5 kwimbande yesikhova yillhwa Chunma yasekorea emdlalweni weAfro-Asian Cup, eOlympic Stadium eSeoul.
Kwakhona ipirates ayinakho ukukhusela iAfrican Club Cup neSuper Cup kuba ikhutshwe kwiikota-fayinali zolu khuphiswano yiShooting Stars yaseNigeria.
AbakwaCoca-Cola bayincedile ibhola yeli ngo-1 996 ngokuqalisa iCoca-Cola Challenge ukuze amaqela abe nento ayidlalelayo kwisiqingatha sokuqala sonyaka esalindele ukuqalisa kwemidlalo yePremier League eqalise ngoAgasti.
ICoca-Cola Challenge izuzwe yiKaizer Chiefs, eza kumela eli emidlalweni yeAfrican Club Championship ngo-1997.
Enye into encomekayo eyenzeke ebholeni kube kukumanyana kweNSL/SAFA neNPSL/SANFA ekuyimibutho ebisoloko itsalisana iminyaka eii-12, kwaye oko kwenzeke emva kokuba kungenelele IFIFA, ekungumbutho olawula ibhola kwihlabathi liphela. Ngoku amaqela ebedlala kwiNPSL adlala ngaphantsi kweNSL, kwicandelo lokuqala, elesibini nelesithathu, kanti imibutho yeengingqi ifakwe phantsi kweSAFA.



42 BONA XHOSA - December 1996

		BONA XHOSA - December 1996 45

